John 7:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula ati ama‐Juda pakati kwawo: Lo uza kuya pina, ukuba asiyi kumfumana? uza kuti na aye kwabaci̔takeleyo pakati kwama‐Girike, awafundise ama‐Girike nje?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Uza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Uza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali zakwaentlanga, afundise iintlanga?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aza amaJuda abuzana esithi: “Ngaba bethu uza kuya phi, ze ke singabi nako ukumfumana? Ngaba uzimisele ukuya kumaJuda athe saa kwelamaGrike, aze afundise amaGrike?