John 7:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kungeko mntu owenza into ngasese, nxa afuna ukuba yena ngokwake abe nokwazeka. Ukuba ezizinto uyazenza, zibonakalise kwilizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku umntu ofuna okokuba into ayenzayo yaziwe, akayenzi ngasese. Ukuba uyazenza ezi zinto, zenze zibonwe lihlabathi lonke.”