John 8:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lamazwi wawateta u‐Yesu endaweni yendyebo, efundisa etempileni: kanti bekungeko mntu owambambayo; ngokuba belingekafikanga ixeshana lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Loo mazwi wawathetha uYesu ngasemkhumbini wokulondoloza imali, efundisa etempileni; akwabakho namnye umbambayo; ngokuba belingekafiki ilixa lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Loo mazwi wawathetha uYesu ngasemkhumbini wokulondoloza imali, efundisa endlwini kaThixo. Akubangakho namnye umsa izandla; ngokuba belingekafiki ilixa lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Konke oku kwathethwa nguYesu efundisa *endlwini kaThixo, ekwigumbi leminikelo; kodwa akubangakho namnye umbambayo, kuba lalingekafiki ixesha.