John 8:52 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula ati kuye ama‐Juda: Kaloku siyazi ukuba unedemoni. U‐Abrahame wafa, kwa nabaprofite; kanti wena uti: Xeshekweni umntu aligcina ilizwi lam, akasayi kuva ukufa napakade,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. UAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa, ube wena usithi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. uAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa; wena ke uthi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aza athi kuye amaJuda: “Hayi ke, kucacile ngoku ukuba unendimoni. UAbraham wafa, *nabashumayeli bafa, ube usithi wena, ukuba umntu uthe wagcina amazwi akho, soze afe naphakade.