John 8:59 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula acola amatye ukuba amgibisele: kodwa u‐Yesu wafihleka, wapuma etempileni, ecanda pakati kwawo, wadlula njalo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko achola amatye, ukuze amgibisele; wazimela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwawo; wenjenjalo ukudlula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko achola amatye ukuba amgibisele. Wazimela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwabo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Achola amatye ke amaJuda, ukuze amgibisele ngawo uYesu; kodwa yena uYesu wasuka wee shwaka, wemka *endlwini kaThixo.