John 9:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati ngoko inxenye kubafarisi: Lomntu akaveli kutixo, ngokuba engagcini imini yesabata. Bati abanye: Angati nina umntu ongumoni ukwenza imimangaliso engakanana? Kwaza kwabako impambano pakati kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Bathi qheke kubini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angathini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana? Kwabakho iyantlukwano phakathi kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.” Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo.