John 9:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati kekaloku ama‐Juda akakolwa ngaye ukuba ebeyimfama waza wamkela ukubona, ada abiza abazali balowo obekwamkele ukubona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuye wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuya wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe,