John 9:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Batsho abazali bake, kuba bebesoyika ama‐Juda: ngokuba ama‐Juda ebesel’ evumelene, ukuba, xeshekweni umntu amvumayo ukuba ungu‐Kristu, makaku̔tshwe entlanganisweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu, aze akhutshwe esikhungwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba unguKristu, aze akhutshwe esikhungwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo.