John 9:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati ukubapendula: Sendinixelele, kanti anivanga; yinina ukuba nifune ukuva kanjako? kanene nani nifuna ukuba ngabadisipile bake na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawaphendula wathi: “Sendinixelele nje, naza anaphulaphula; kutheni ukuba nifune ukuva kwakhona? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?”