Jonah 1:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza oyika amadoda lawo ngokwoyika okukulu, ati kuye: Yinina lento uyenzileyo? Ngokuba ebesazi amadoda lawo ukuba uyesaba ebusweni bukayehova, ngokuba ebewaxelele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yintoni na le uyenzileyo? Ngokuba amadoda lawo ayesazi ukuba ubaleka emka ebusweni bukaYehova; kuba wayewaxelele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yini na ukuba wenze le nto? Kuba loo madoda ayesazi isizathu sokuba abaleke ebusweni bukaYehova, kuba wayewaxelele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku loo madoda othuka gqitha, kuba uJona wawachazela ukuba elapho nje ubaleka uNdikhoyo, aza athi kuye: “Yintoni na le uyenzileyo?”