Jonah 1:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako abiza kuyehova, ati: Uz’ uti ke, Yehova! masingabubi ke ngenxa yobomi balendoda, zungabeki pezu kwetu igazi elingenatyala: ngokuba wena, Yehova! wenzile njengoko ukutandileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Anqula uYehova, athi, Gxebe, Yehova, masingafi, masingafi ngomphefumlo wale ndoda, ungalibeki phezu kwethu igazi elimsulwa; ngokuba wena, Yehova, wenze ngokuthanda kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathandaza kuYehova, bathi, Siyakuthandaza kuwe, Yehova, ukuba ungabhubhi ngomphefumlo wale ndoda, ungaphalazi igazi elimsulwa phezu kwethu; ngokuba, Yehova, wenze ngokuthanda kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Badanduluka kuNdikhoyo ke bathi: “Awu, Ndikhoyo, uze ungasohlwayi ngenxa yokufa kwale ndoda. Uze ungalibizi kuthi igazi elimsulwa. Kaloku yonke le nto ikholeke kuwe, Ndikhoyo.”