Jonah 1:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula boyika omatrose, bakala abanye ngabanye kotixo babo, baziposa impahla ezisenqanaweni elwandle, ukuba yenziwe lula ngazo; kodwa u‐Jona ebehlele emacaleni enqanawa, walala ubutongo obukulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Boyika oomateloshe, bakhala elowo kuthixo wakhe; bayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni, ukuziphungulela bona. UYona ke wayehle waya ezantsi enqanaweni, wasindwa bubuthongo walala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baza boyika oomatiloshe baza ngamnye wabiza ngamnye kuthixo wakhe waza wayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni ukuze kube lula kubo. uYona wehla waya ecaleni lomkhombe; walala phantsi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abaqhubi benqanawa leyo baphakuzela, yangulowo nalowo wakhala *kuthixo wakhe. Umthwalo wenqanawa bawuphungulela elwandle, bezama ukuba ibe khaphukhaphu. Ke yena uJona wayesuke wehla wangena kumagumbi asezantsi, walala obentlombe.