Jonah 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yasondela kuye inkosi yenqanawa, yati kuye: Yinina, ulele butongo nje? Suka, ubize kutixo wako, kungati uya kusikumbulela utixo lowo, ukuba singabubi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasondela kuye umphathi wababheqi, wathi kuye, Wenzani na, thongorhandini? Vuka, ubize kuThixo wakho; mhlawumbi uThixo angasikhumbula, singabhubhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza ke kuye umthetheli-waka, wathi kuye, Uthini na wena, Rabhi? vuka, ubize uThixo wakho, ukuba usikhumbule uThixo wakho, ukuba singabhubhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ingqwayi-ngqwayi yenqanawa leyo ke yaya kuye, yafika yathi: “Ngani ukuba ulale, thongorhandini? Vuka, ubize uThixo wakho! Mhlawumbi angasikhumbula, size singatshabalali.”