Jonah 1:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bati kuye: Zusixelele ke kungenxa yobanina elilishwa lipezu kwetu? Yinto nina umsebenzi wako? Uvela pina? Ilizwe lako lelinina? Ungowasebantwini bapina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? uyintoni na umsebenzi wakho? uvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ungowabaphi na abantu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi kuye, Sixelele ukuba sihlelwe ngubani na obu bubi; yintoni umsebenzi wakho kwaye ungowaphi? lithini ilizwe lakho kwaye ungowasiphi isizwe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza ke bathi kuJona: “Khawutsho! Ngubani unobangela wale ntlekele? Uzokwenza ntoni apha? Khona, uvela phi? Liphi ikowenu? Ungumni kakade?”