Jonah 3:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Jona waqala ukungena esixekweni, ihambo yamini nye; wayeshumayela, wati: Kuseko imihla imashumi mane, kuya kwand’ ukuci̔twa i‐Nineve.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYona waqala wangena kuloo mzi uhambo losuku olunye, wamemeza, wathi, Zisaya kuba ziintsuku ezimashumi mane, iNineve ibhukuqwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYona waqala wangena kuwo umzi, uhambo losuku olunye, wadanduluka esithi, Zisaya kuba ziintsuku ezimashumi mane, iNineve iwile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uJona waluqala uhambo lwakhe kweso sixeko. Akuba ehambe imini yonke wadanduluka wathi: “Yoba ziintsuku ezimashumi mane kuphela, itshatyalaliswe iNiniva.”