Jonah 3:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza abantu base‐Nineve bakolwa ngutixo, bashumayela inzilo, bambata intlakantlaka, kwa kubo abakulu kwada kwakubo abancinane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amadoda aseNineve akholwa kuThixo, amema uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abantu baseNineve bakholwa kuThixo, bawubhengeza umhla wozila ukudla, bambatha iingubo ezimnyama, bethabathela komkhulu besa kwabancinane bawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abo bantu baseNiniva balwamkela olo daba lukaThixo. Ngoko ke bamisela inzila, baza bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinane, bavatha ezenzila.