Jonah 3:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ilizwi elo lafikela kukumkani we‐Nineve, owesuka eteroneni yake, wasusa umnweba wake, wazigubungela ngentlakantlaka, wahlala pantsi elututwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lafika ilizwi elo kukumkani waseNineve; wesuka etroneni yakhe, wayisusa wayibeka phantsi ingubo yakhe ende, wazigubungela ngezirhwexayo, wahlala phantsi eluthuthwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lafika ilizwi elo kukumkani waseNineve, wayishiya itrone yakhe, wayikhulula ingubo yakhe enkulu, wazigquma ngezirhwexayo, wahlala eluthuthwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva le nto ukumkani wakhona waphuma ebhotwe, umnweba wakhe wawuthi tya phaya, wanxiba ezenzila, wahlala eluthuthwini.