Jonah 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwadandulukwa kwaxelwa e‐Nineve, ngomteto wokumkani nabakulu bake, ukuti: Makungeva nto abantu nenkomo, inkabi negusha; mabangatyi ukutya, mabangaseli amanzi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, makudandulukwe kutshiwo eNineve ngomthetho wokumkani nezikhulu zakhe, ukuthi: Umntu nempahla enkulu, iinkomo nempahla emfutshane, mazingevi nento; mazingadli, mazingaseli namanzi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayixela, waza wayizisa iNineve ngokomyalelo kakumkani nabalungiseleli bakhe, esithi: “Makungabikho mntu nasilwanyana sasekhaya, okanye nkomo okanye gusha, engangcanga nto; ungadli, ungaseli manzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke wakhupha isaziso esithi: “Nasi isaziso esigunyaziswe ngukumkani namaphakathi: Makuzilwe, kungabikho mntu okanye silwanyana ongcamla nantoni na, nditsho iinkomo nempahla emfutshane. Ewe, makungatyiwa nto, kungàselwa namanzi.