Jonah 4:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watandaza kuyehova, wati: Ke, Yehova! ilizwi lam belingelilo eli na, xeshekweni bendiseko elizweni lam? Ngako oko ndapangela ngokwesabela e‐Tareshishe; ngokuba bendisazi ukuba wena u ngutixo onofefe nenceba, oqumba kade, onobubele obukulu, onosizi ngobubi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathandaza kuYehova, wathi, Camagu, Yehova! Labe lingelilo na ilizwi lam eli, ndisesemhlabeni wakowethu? Ngenxa yoko ndaphanga ngokubalekela eTarshishe; ngokuba ndandisazi ukuba unguThixo obabalayo, onemfesane, ozeka kade umsindo, onenceba enkulu, ozohlwayayo ngenxa yobubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathandaza kuYehova, wathi, Owu Yehova, asilolizwi na endalithethayo ndisezweni lakowethu? Ndabalekela eTarshishe ngenxa engaphambili, kuba ndandisazi ukuba uThixo unemfesane, onemfesane, onobulali, onenceba, nobugwenxa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathandaza *kuNdikhoyo esithi: “Kwowu, Ndikhoyo, le nto yileya ndayithethayo kwandisesekhaya. Kwakungenxa yayo ndakhawulezayo ukubalekela eTashishe. Bendisazi ukuba wena unguThixo onesisa nenceba, uThixo oza kade umsindo nonobubele obukhulu, uThixo oyijikayo ingqondo yakhe asiyeke isohlwayo.