Jonah 4:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka wemka u‐Jona esixekweni, wahlala ngecala lasempumalanga lesixeko, wazenzela kona ipempe, wahlala ngapantsi kwalo emtunzini, wada wabona kwohla nto nina esixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma ke uYona kuwo umzi, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela khona umnquba; wahlala ngaphantsi kwawo emthunzini, ukuze ade abone ukuba kuya kuthekani na kuwo umzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka ke uYona esixekweni, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela umnquba, wahlala emthunzini phantsi kwawo, wada wabona ukuba kuya kwenzeka ntoni na kuwo umzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uJona waphuma waya empuma yeso sixeko, waza ke wahlala phantsi. Wazakhela iphempe, waza wahlala emthunzini walo ukuze ayibukele kakuhle loo nto yayiza kwehla apho eNiniva.