Jonah 4:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova utixo wamisela ikikayone, wayinabisela pezulu pezu kwo‐Jona, ukuba ibe ngumtunzi pezu kwentloko yake, ukumkulula ebuhlungwini bake. Wati u‐Jona wavuya ngovuyo olukulu ngenxa yayo ikikayone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova uThixo wammisela umhlavuthwa; waphuma, wenyuka waba phezu koYona, ukuba ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umhlangule ebubini bakhe. Wawuvuyela uYona umhlavuthwa lowo, wawuvuyela kakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uThixo wammisela umthi womthombe, wamgcina uYona, ukuze ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umkhulule kwiintlungu zakhe. Yaye uYona wakuvuyela kakhulu ukuphatheka kakuhle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uNdikhoyo uThixo wamisela umthi ukuba ukhule apho ecaleni kwakhe ukuze umenzele umthunzi, ukhusele intloko yakhe, iyenze ibe bhetele imeko yakhe. Ke uJona wawuvuyela gqitha loo mthi.