Jonah 4:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, lakupuma ilanga, utixo wamisela umoya wasempumalanga olulwopu, lati ilanga labalela pezu kwentloko ka‐Jona, wada wacubuka, wazicelela ukuba makafe, wati: Kulungile ukufa kwam ngapezu kwobomi bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli;wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekuphumeni kwelanga, uThixo wahambisa umoya wasempumalanga; ilanga labetha entloko kuYona, wadinwa, wafuna ukufa ngaphakathi kwakhe, wathi, Kulungile ukuba ndife kunokuba ndidle ubomi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lithe ke lakuphuma ilanga uThixo wathumela umoya wasempuma onolophu, laza lanqanqaza ilanga phezu kwentloko kaJona. Kwanzima kuye; phantse wayoba. Watsho wanqwenela ukufa, wathi: “Kungcono ukuba ndife kunokuba ndidle ubomi.”