Joshua 1:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Candani pakati kwomnquba, nibayalele abantu, ngokuti: Zilungiseleni umpako; ngokuba pakati kwemihla isemitatu niya kuwela i‐Yoredane le, ukuya kufuya elozwe enilipiwayo nguyehova, utixo wenu, ukuba nilifuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Candani phakathi kweminquba, nibawisele umthetho abantu, nithi, Zilungiseleni umphako, ngokuba kusele imihla emithathu, ukuze niyiwele iYordan le, ningene nilihluthe ilizwe elo aninikayo uYehova uThixo wenu, ukuba limiwe nini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khandlula amatyala, nibawisele umthetho abantu, nithi, Zilungiseni ukudla; kuba emva kweentsuku ezintathu niya kuyiwela le Yordan nisiya kulidla ilifa ilizwe elo uYehova uThixo wenu aya kuninika lona ukuba libe lelenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Tyhutyhani umzi, nixelele amaSirayeli ukuba alungise umphako wendlela, kuba kuza kuhanjwa emva kweentsuku ezintathu, kuwelwe iJordan, kuthinjwe ilizwe enilinikwe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuze libe lelenu.”