Joshua 1:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abafazi benu, intsapo zenu, nenkomo zenu, ziya kuhlala ezweni abelinika kuni u‐Mosesi nganeno kwe‐Yoredane; kodwa nina niya kuwela nixo̔bile pambi kwabazalwana benu, onke amagoṙa abuṙoti, nibancede bona;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu, yohlala kweli lizwe aninika lona uMoses nganeno kweYordan; niwele ke nina nixhobile phambi kwabazalwana benu, nonke nina magorha anobukroti, nibancede,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abafazi benu, nabantwana benu, nemfuyo yenu, bohlala ezweni aninika lona uMoses nganeno kweYordan; sukani ke nikhawuleze nixhobe, niye kubazalwana benu, onke amagorha anobukroti, nibancede;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abafazi benu nabantwana nemfuyo banokusala ngasempuma kweJordan, kodwa amadoda omkhosi kufuneka axhobe, awele kuqala kunamanye amaSirayeli, aye kuwanceda