Joshua 1:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umntu osukuba evukela ngakumlomo wako, ongayi kupulapula amazwi ako kuko konke umyalela ngako, makafiswe: kodwa yomelela ukalipe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abantu abaphikisa umlomo wakho, bangawaphulaphuli amazwi akho entweni yonke osiwisela umthetho ngayo, mababulawe;kodwa ke yomelela, ukhaliphe wena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abasukuba begwilika kumyalelo wakho, bangawaphulaphuli amazwi akho, kuyo yonke into omwisele umthetho ngayo, bobulawa; yiba nje womelele uze ukhaliphe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabani na ophikisana nawe, angawathobeli amazwi akho, angenzi nantoni na usiyalelayo, wobulawa. Nto nje yomelela wena, ukhaliphe!”