Joshua 1:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko mntu oya kuba nokuma pambi kwako yonke imihla yokudla kwako ubomi: njengokuba bendiko no‐Mosesi, ndiya kubako kwa nawe; andiyi kukuyeka, andiyi kukushiya kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuyi kuma mntu phambi kwakho, yonke imihla yokudla kwakho ubomi; njengoko ndandinoMoses, ndoba nawe; andiyi kukuyekela, andiyi kukushiya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho mntu uya kuma phambi kwakho yonke imihla yokudla kwakho ubomi; ndiya kuba nawe, njengokuba bendinoMoses; Andisoze ndikushiye okanye ndikufulathele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukho namnye uya kumelana nawe yonke imihla yokudla kwakho ubomi. Ndiya kuhlala ndisecaleni kwakho njengoko bendenjenjalo nakuMosis. Andiyi kukuyekela; andiyi kukushiya.