Joshua 1:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yomelela ukalipe: ngokuba wena uya kubamkelisa ababantu ilifa lelizwe, elo ndafunga ngalo koyise babo ukuba ndiya kubapa lona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yomelela ukhaliphe; ngokuba wena uya kulabela bona aba bantu elo lizwe ndabafungela lona oyise, ukuba ndiya kubanika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yomelela ukhaliphe, ngenxa yokuba olu hlanga uya kulunika ilizwe endathembisa ookhokho balo ngesifungo sokuba ndiya kubanika lona njengelifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yomelela, ukhaliphe, kuba uza kubangenisa aba bantu kweli lizwe endithembise ooyise-mkhulu ngesifungo ukuba loba lilifa labo.