Joshua 1:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa yomelela ukalipe kakulu, ukuba ulumkele ukwenza njengawo wonke umteto ubuyalelwa ngawo ngu‐Mosesi, isicaka sam: ungapambuki kuwo nangasekunene nangasekohlo, ukuze ulungiseke apo usukuba usiya kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ke zomelela, ukhaliphe kunene, ukuze wenze ngokomyalelo wonke, awawisa umthetho ngawo uMoses umkhonzi wam, ungatyeki kuwo, uye ekunene nasekhohlo, ukuze ube ngengqiqo apho sukuba usiya khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yomelela ke, ukhaliphe kunene! Uze unyamekele ukuwuthobela wonke umthetho owuwiselwe nguMosis isicaka sam. Khon' ukuze ube nempumelelo naphi na apho uya khona, ungàze uphambuke kuwo nakancinane.