Joshua 1:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Incwadi yalomteto ayiyi kumka emlonyeni wako; kodwa uya kucinga yona emini nasebusuku, ukuze ulumkele ukwenza njengako konke okuba̔liweyo kuyo: ngokuba oko uya kutamsanqelekisa indlela yako, naloko uya kulungiseka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize ingesuki incwadi yalo myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ize ingesuki incwadi yomyalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze wenze ngenyameko, njengoko kubhaliweyo kuyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.