Joshua 1:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andikuyalelanga na? Yomelela ukalipe; ungankwantyi, ungatuswa nokutuswa: ngokuba uyehova, utixo wako, enawe, apo usukuba usiya kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ndikuwisele umthetho wokuba womelele, ukhaliphe.Musa ukunkwantya, ungaqhiphuki umbilini; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Andikuyalelanga na? Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, musa ukoyika, ngokuba uYehova uThixo wakho unawe, naphi na apho sukuba usiya khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”