Joshua 10:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, xeshekweni bekuviwe ngu‐Adoni‐tsedeki ukumkani we‐Yerusaleme, okokuba u‐Yoshuwa seletimbile i‐Hahai, nokuba uyilahlele ekutshatyalalisweni; enzele njalo nje i‐Hahai nokumkani wayo, njengokuba ebenzele i‐Jeriko nokumkani wayo; nokokuba abemi base‐Gibeyone benzile uxolo no‐Sirayeli, nokuba bako pakati kwabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuva uAdoni-tsedeki, ukumkani wasiYerusalem, ukuba uYoshuwa uyithimbile iAyi, wayitshabalalisa; njengoko wenza ngako kwiYeriko nokumkani wayo, wenjenjalo kwiAyi nokumkani wayo; nokuba abemi baseGibheyon benze uxolo namaSirayeli, baba phakathi kwawo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAdoni-shekeki, ukumkani waseYerusalem, weva ukuba uYoshuwa uyithimbile iAyi, wamqalekisa; Wenjenjalo kwiYeriko, nakukumkani wayo, nakwiAyi, nakukumkani wayo; nokuthi abemi baseGibheyon benza uxolo namaSirayeli, bahlala phakathi kwawo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAdoni-zedeki ukumkani waseJerusalem weva ukuba uYoshuwa wayithimba iAyi wayitshabalalisa, waza nekumkani yalapho wayibulala kanye njengoko wayenzile naseJeriko nakukumkani walapho. Weva nokuba amaGibheyon anqophisene namaSirayeli, yaye ngoku ahlalisana nawo ngoxolo.