Joshua 10:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, ekusabeni kwabo ebusweni bo‐Sirayeli, besetambekeni lase‐Bete‐horone, wandula uyehova waposa pezu kwabo amatye amakulu ezulwini, kwada kwase‐Hazeka, bada bafa: babebaninzi abo bafileyo ngezico̔to, pezu kwabo babuleweyo lusapo luka‐Sirayeli ngesiṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ekusabeni kwabo phambi kwamaSirayeli, besethambekeni laseBhete-horon, uYehova wabathobela amatye amakhulu ezulwini, kwada kwesa eAzeka, bafa. Babaninzi abafa ngamatye esichotho, kunababulawayo ngoonyana bakaSirayeli ngekrele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa babesaba phambi koonyana bakaSirayeli nasendleleni eya eBhete-horon, uYehova wabagibisela amatye amakhulu ukusuka ezulwini ukuya kutsho kwa-Asheki, baza bafa; oonyana bakaSirayeli babulele ngekrele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngeli xesha babaleka amaSirayeli ukuhla ithambeka, uNdikhoyo wabatyhumfuza ngesichotho konke ukwenjenjeya ukuya eAzeka. Abaninzi bafa sisichotho ngaphezu kokubulawa ngamaSirayeli.