Joshua 10:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko wateta u‐Yoshuwa kuyehova, ngomhla uyehova wabanikela aba‐Amori ebusweni bosapo luka‐Sirayeli, wati pambi kwamehlo abo o‐Sirayeli: Langa, uti nqumama pezu kwe‐Gibeyone; nawe, nyanga, pezu kwomhlambo wase‐Ajalone!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza wathetha uYoshuwa kuYehova, mhlana uYehova wawanikela ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni amaSirayeli:Langa, nqumama eGibheyon, Nawe nyanga, entilini yeAyalon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uYoshuwa kuYehova ngomhla uYehova awawanikela ngawo ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni oonyana bakaSirayeli, Langa, yima eGibheyon; nawe, nyanga, entilini yeAyalon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mhla uNdikhoyo amaSirayeli wawoyisela ngawo ama-Amori uYoshuwa wabhekisa kuNdikhoyo phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi: “ ‘Langa, yima phezu kweGibheyon. Wena nyanga, yima phezu kwentili iAyalon.’