Joshua 10:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanti ningahlali nina, ziputumeni intshaba zenu, nibabete abasemva bazo: ningazivumeli ukuba zingene ezixekweni zazo; ngokuba uyehova, utixo wenu, ezinikele esandleni senu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke nina musani ukuma; zisukeleni iintshaba zenu, niwubethe umqosheliso wazo. Musani ukuwuvumela ungene emizini yawo, kuba uYehova uThixo wenu uwunikele esandleni senu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zisukeleni iintshaba zenu, nibe ngasemva kwazo; ningabavumeli ukuba bangene emizini yabo, ngokuba uYehova uThixo wenu uwanikele esandleni senu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke nina ze ningahlali apho, koko lusukeleni utshaba, ningaluvumeli lubalekele ezixekweni zalo. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu selebanikele ezandleni zenu.”