Joshua 10:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bandula boyika kakulu, ngokuba i‐Gibeyone ibisisixeko esikulu, njengesinye sezixeko zobukumkani, nangokuba ibinkulu pezu kwe‐Hahai, nokuba onke amadoda ayo ebengamagoṙa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
boyika kunene, kuba ngumzi omkhulu iGibheyon, njengomnye wemizi yobukumkani, ngokuba inkulu kuneAyi, namadoda ayo onke angamagorha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Boyika kunene, kuba iGibheyon ibingumzi omkhulu, njengomnye wemizi yakomkhulu, ngokuba inkulu kuneAyi, namadoda akhona angamagorha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abemi baseJerusalem yabaxhalisa kakhulu le meko, kuba kaloku iGibheyon yayisisixeko esibalulekileyo esilingana nezinye ezingamaziko olawulo. IGibheyon le yayingaphezulu kweAyi, nomkhosi wakhona unamagorha amadoda.