Joshua 10:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, nxa asel’ egqibile u‐Yoshuwa, nosapo luka‐Sirayeli, ukuzibulala ngesibulalo esikulu kunene, zada zagqityelwa; nokuba abaseleyo, a bebesele kuzo, bebengenile ezixekweni ezinqatyisiweyo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akugqiba uYoshuwa noonyana bakaSirayeli ukuzibulala kakhulu kunene zada zagqitywa, zathi eziseleyo kuzo, zaya kungena emizini enqatyisiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akugqiba uYoshuwa noonyana bakaSirayeli ukuwabulala ngogonyamelo olukhulu ade atshatyalaliswa, aza asala angena kwizixeko ezinqatyisiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umkhosi kaYoshuwa waluswantsulisa utshaba, kambe abambalwa babaleka bade baya kungena ezixekweni ezinqatyisiweyo zakomawabo, basinda.