Joshua 10:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bandula bonke abantu babuyela emnqubeni ku‐Yoshuwa, e‐Makeda, ngoxolo: bekungeko namntu owabaza ulwimi lwake ngakulo usapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babuye ke bonke abantu, baya emkhosini kuYoshuwa eMakeda ngoxolo; akwabakho nja ibavungamelayo oonyana bakaSirayeli, kwanabani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lwabuya lonke uhlanga ngoxolo emkhosini kuYoshuwa waseMakeda; akwabakho namnye koonyana bakaSirayeli owathetha ngolwimi lwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abuya onke amadoda omkhosi kaYoshuwa, ehamba ngoxolo, aya esikhululweni esasiseMakeda, kungekho nto inokuwaphazamisa.