Joshua 10:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, bakuba bekupele ku‐Yoshuwa okumkani abo, wandula u‐Yoshuwa wabiza onke amadoda akwa‐Sirayeli, wati kubapati bamadoda okulwa, abebehambile naye: Sondelani, nibeke inyawo zenu pezu kwentamo zokumkani aba. Basondela ke, bazibeka inyawo zabo pezu kwentamo zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, bakubakhupha, babasa kuYoshuwa abo kumkani;wawabiza uYoshuwa onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi bamadoda okulwa ababehambe naye, Sondelani, nibanyathele entanyeni aba kumkani. Basondela ke, babanyathela ezintanyeni zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, babazisa abo kumkani kuYoshuwa, uYoshuwa wawabiza onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubathetheli bamadoda okulwa abehambe naye, Sondelani, nibabeke ezinyaweni zaba kumkani; Basondela babeka iinyawo zabo entanyeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa wawabiza ke onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi-mkhosi: “Yizani apha nizinyathele entanyeni ezi kumkani.” Benjenjalo,