Joshua 10:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Yoshuwa esiti kubo: Ningoyiki, ningatuswa nokutuswa; yomelelani, nikalipe: ngokuba kungokunjalo aya kwenza uyehova kuzo zonke intshaba zenu, eniya kulwa nazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYoshuwa kubo, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini: yomelelani, nikhaliphe, ngokuba uYehova uya kwenjenjalo kwiintshaba zenu zonke enilwa nazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYoshuwa kubo, Musani ukoyika, musani ukoyika; yomelelani, yomelelani, ngokuba uYehova uya kwenza okufanayo kuko konke okulwelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wathi ke uYoshuwa: “Nize ningoyiki ninkwantye! Yomelelani nikhaliphe! Yiyo le into aza kuyenza uNdikhoyo kuzo zonke iintshaba zenu enilwa nazo.”