Joshua 10:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yoshuwa emva kwoko, wababeta, wabafisa, waza wabaxo̔ma pezu kwemiti yamihlanu; baye bexo̔meka pezu kwemiti leyo kwada kwahlwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabaxabela ke uYoshuwa, emveni koko wababulala, wabaxhoma emithini emihlanu; baxhonywa emithini apho kwada kwahlwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uYoshuwa waboyisa, wababulala, wabaxhoma emithini emihlanu, baxhonywa emithini kwada kwahlwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa wazixabela ke ezo zikumkani, wathi mazixhonywe emithini emihlanu. Zajinga apho ke kwada kwaba ngorhatya.