Joshua 10:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngexesha lokutshona kwelanga, waxela u‐Yoshuwa ukuba mabatulwe emitini; baza babaposa emqolombeni, apo babezimele kona, bawabeka amatye amakulu emlonyeni womqolomba, akoyo kwa namhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngexesha lokutshona kwelanga, uYoshuwa wawisa umthetho, babathula emithini, babaphosa emqolombeni ababezimele kuwo, babeka amatye amakhulu emlonyeni womqolomba, asekhoyo namhlanje.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Latshona ilanga, uYoshuwa wayalela ukuba bayikhuphe emithini baza bayiphosa emqolombeni ababezimele kuwo, baza babeka amatye amakhulu emlonyeni womqolomba esekhona nanamhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngongcwalazi uYoshuwa wayalela ukuba zithulwe izidumbu zazo. Zaphoswa kwakuloo mqolomba bezizimele kuwo, kwavalwa ngamatye amakhulu apho. Aselapho unanamhla.