Joshua 10:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Yoshuwa kwa ngalomini wayitimba i‐Makeda, wayibeta ngohlangoti lweṙele; nokumkani wayo wamlahlela ekutshatyalalisweni, bona, nayo yonke imipefumlo ebikuyo: akashiya namnye oseleyo: wenza nakukumkani we‐Makeda, njengokuba ebenze kukumkani we‐Jeriko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYoshuwa wayithimba neMakeda ngaloo mini, wayixabela ngohlangothi lwekreke, nokumkani wayo, wabatshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa namnye usindileyo. Wenza kukumkani waseMakeda njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYoshuwa wayithimba iMakeda ngaloo mini waza wayoyisa ngohlangothi lwekrele, nokumkani wayo wambulala ngesiqalekiso, bona nayo yonke imiphefumlo eyayikuyo; Wenza kukumkani waseMakeda njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangaloo mini uYoshuwa wahlasela iMakeda, wayithimba kwakunye nekumkani valapho. Kwabulawa wonke ubani kweso sixeko, akwasala namnye. Kwikumkani yaseMakeda wenza kwalaa nto wayeyenze kukumkani waseJeriko.