Joshua 10:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wayinikela nayo, nokumkani wayo, esandleni so‐Sirayeli; wayibeta ngohlangoti lweṙele, nayo yonke imipefumlo ebikuyo; akashiya kuyo namnye oseleyo; wenza nakukumkani wayo, njengokuba ebenze kukumkani we‐Jeriko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayinikela kananjalo uYehova esandleni samaSirayeli, nokumkani wayo, wayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; akasalisa kuyo namnye usindileyo. Wenza kukumkani wayo njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wayinikela yona nokumkani wayo esandleni soonyana bakaSirayeli; Wambulala ngohlangothi lwentshuntshe, nabo bonke abantu ababekuyo; akavuma ukuba kusale bani khona; Wenza kukumkani wakhe njengoko wenza ngako kukumkani waseYeriko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nalapho *uNdikhoyo wasinikela isixeko nokumkani waso ezandleni zamaSirayeli. Abulala wonke ubani apho, akashiya mntu. Nalapho kukumkani uYoshuwa wenza eso saseJeriko.