Joshua 10:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wanikela i‐Lakishe esandleni so‐Sirayeli; wayitimba ngemini yesibini, wayibeta ngohlangoti lweṙele, nayo yonke imipefumlo ebikuyo, njengako konke abekwenzele i‐Libena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wayinikela iLakishe esandleni samaSirayeli, ayithimba ngomhla wesibini, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo, njengako konke awakwenzayo kwiLibhena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wayinikela iLakishe esandleni soonyana bakaSirayeli, bayithimba ngomhla wesibini, bababulala bonke abantu abakuyo ngohlangothi lwekrele, njengoko wenzayo eLibhena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wayinikezela iLakishe ezandleni zamaSirayeli, waza uYoshuwa wangena kuyo ngosuku lwesibini. Isixeko nabo bonke abakuso wasitshabalalisa njengoko wênjenjalo eLibhena.