Joshua 10:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bayitimba ke kwa ngalomini, bayibeta ngohlangoti lweṙele; nayo yonke imipefumlo ebikuyo wayilahlela ekutshatyalalisweni ngemini leyo, njengako konke abekwenzele i‐Lakishe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ayithimba ngaloo mhla, ayixabela ngohlangothi lwekrele, kwanabantu bonke abakuyo; wayitshabalalisa ngaloo mhla, njengako konke awakwenzayo kwiLakishe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayithimba ngaloo mini baza bayoyisa ngohlangothi lwekrele, yaye wayiqalekisa yonke imiphefumlo eyayikuyo ngaloo mini, kanye njengoko wenzayo eLagishe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bayoyisa kwangaloo mini, babulala wonke umntu apho, baxelisa eLakishe.