Joshua 10:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bayitimba ke, bayibeta ngohlangoti lweṙele, nokumkani wayo, nazo zonke izixeko zayo, nayo yonke imipefumlo ebikuyo; akashiya namnye oseleyo, njengako konke abekwenzele i‐Heglone; wayilahlela ekutshatyalalisweni, nayo yonke imipefumlo ebikuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ayithimba, ayixabela ngohlangothi lwekrele, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, nabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo, njengako konke awakwenzayo kwiEglon; watshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayithimba baza bayibulala ngohlangothi lwekrele, nokumkani wayo nezixeko zayo zonke nayo yonke imiphefumlo eyayikuyo; makangashiyi namnye, njengoko wenzayo e-Eglon; kodwa wayitshabhisa, kwanemimoya yonke eyayikuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bayoyisa kwangaloo mini. Babulala ukumkani walapho, nabantu bonke beso sixeko, kwakunye nabeelali ezimelene naso. Wathi masitshatyalaliswe eso sixeko uYoshuwa, kanye njenge-Eglon. Akuzange kusinde mntu apho.