Joshua 10:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayitimba ke, nokumkani wayo, nazo zonke izixeko zayo; baza bababeta ngohlangoti lweṙele, bayilahlela ekutshatyalalisweni yonke imipefumlo ebikuyo: akashiya namnye oseleyo; njengokuba ebenze kuyo i‐Hebrone, wenje njalo kuyo i‐Debire nakukumkani wayo, nanjengokuba ebenze kuyo i‐Libena nakukumkani wayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayithimba, nokumkani wayo, nemizi yayo yonke, ayixabela ngohlangothi lwekrele. Ayitshabalalisa kwanabantu bonke abakuyo; akwasala namnye usindileyo; njengoko wakwenzayo kwiHebron, wenjenjalo kweDebhiri, nakukumkani wayo; njengoko wakwenzayo kwiLibhena, nakukumkani wayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayithimba nokumkani wayo nezixeko zayo zonke; ababulala ngohlangothi lwentshuntshe, batshabhisa bonke oomoya ababekuyo; wayengenabani; Wenjenjalo naseHebron, naseDebhiri, nakukumkani wayo; njengoko wenzayo kwiLibhena nokumkani wayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bayoyisa, kunye nokumkani wayo, neelali ezimelene nayo. Kwatshatyalaliswa ukumkani naye wonke umntu owayelapho, akwasala namnye. Nalapho wenza kwaesaseLibhena nesaseHebron.