Joshua 10:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo u‐Yoshuwa wabeta lonke ilizwe lasezintabeni, nelasesuyide, nelezihlambo, nelemifula, nabo bonke okumkani babo; akashiya namnye oseleyo; kwa bonke abapefumlayo wabalahlela ekutshatyalalisweni, njengokuba wabeyalela uyehova, utixo wo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Walibulala ke uYoshuwa lonke ilizwe leentaba, nelasezantsi nelezihlambo, nelamaxandeka, nabo bonke ookumkani balo;akwasala namnye usindileyo. Watshabalalisa konke okuphefumlayo, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waloyisa uYoshuwa lonke ilizwe leentaba, nelasezantsi, nezihlambo, namaqula, nookumkani bonke bakhona;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa wabatshabalalisa bonke abemi belo zwe. Abantu ababemi kweleentaba, emathambekeni ngasempumalanga, kumazants' eentaba zasentshona, kwakunye nabo babemi kwimimandla yentlango ngasemazantsi, neekumkani zabo bonke. Wayethatha phambi konyawo atshayele yonke into ephefumlayo, ngokomyalelo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.