Joshua 10:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bonke okumkani aba, nelizwe labo, wabatimba u‐Yoshuwa ngexesha linye: ngokuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ebebalwela o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabathimba uYoshuwa bonke abo kumkani, nelizwe labo, ngasihlandlo sinye, ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli ebewalwela amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko nangoko uYoshuwa wabathimba bonke abo kumkani namazwe abo, ngenxa yokuba uYehova uTHIXO kaSirayeli wayemlwela uSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le mimandla yonke uYoshuwa wayoyisa ephume umkhosi isihlandlo sasinye, kuba kaloku wayesilwelwa nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli.