Joshua 10:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza amadoda ase‐Gibeyone atuma ku‐Yoshuwa emnqubeni e‐Gilegale, esiti: Ungabambi isandla sako ezicakeni zako; kauleza ukunyukela kuti, usisindise, usincede: ngokuba bebutelene ngakuti bonke okumkani baba‐Amori abahleliyo ezintabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athumela ke amadoda aseGibheyon kuYoshuwa emkhosini eGiligali, esithi, Musa ukusiyekelela isandla sakho kubakhonzi bakho; nyuka uze kuthi ngokukhawuleza, usisindise, usincede;ngokuba bebuthelene phezu kwethu bonke ookumkani bama-Amori abemiyo ezintabeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athumela ke amadoda aseGibheyon kuYoshuwa emkhosini eGiligali, esithi, Musa ukusisusa isandla sakho kubakhonzi bakho; yiza kuthi, usihlangule, usincede; ngokuba besibuthelene bonke ookumkani bama-Amori abemiyo ezintabeni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amadoda aseGibheyon athumela isigidimi kuYoshuwa esikhululweni eGiligali, esithi: “Nceda ungasiyekeli thina zicaka zakho. Khawuleza uze kusinceda usisindise, kuba iinkosi zonke zama-Amori asezintabeni zisihlanganyele; ziyasihlasela.”